kalimah.top
a b c d e f g h i j k l m n o p q r s t u v w x y z 0 1 2 3 4 5 6 7 8 9 #

scira – mr nation – kudala ndikulindile كلمات اغاني

Loading...

t-tle : kudala ndikulindile. (prod. by phungela)

name of the artist : scira – mr nation

mixtape : circle of life

[intro]

mr nation, circle of life

[verse 1]

kudala ndikulindile iminyaka ide yalishumi
kudala ndityalile nalembewu aysahlumi
qho xa ndikucinga ndyathandaza ungazilumi
kudala ndiqweba isbindi, neligila alisandithumi

sendide ndatyhafa ngalengoma ndiyancama
ndizivile nengcebiso ezindithumela kwi vamna
bath’uthando alubon’, mhlawumbi nawe uyimfama
ndiphelelwe ngamacebo mandisuke ndiyeke ukuzama

amaxesha amaninzi xa ndikbona ndiyonwaba
un0buhle bengilosi, nalontliziyo k-m yinqaba
xa undinqabele ndiye ndinqwenele unyuk’intaba
ukuthanda umntu ongak’thandiyo, kukuzrghumbela ingwaba

mhlawumbi ndiyaziqhatha, ndizibambisa iliwa
awulosela lentliziyo kuba le yam ayikabiwa
kudala ndimemeza kodwa nguwe andikaviwa
bendinqwena uphila nawe kodwa ngoku kuyafiwa

[chorus] phungela

kudala ndiklindile
kudala ndiklindile
ndidlale ngexesha lam
ndidlale ngexesha lam. x2

ndiyahamba mna
ndiyahamba mna
ndiyahamba mna oh oooh. x2

[verse 2]

kudala ndihleli ethembeni, esostulo syadanisa
andisokuze ndikfumane, mand’yekuku zinqwenisa
andoyiki uthetha nawe, ndoyik’ukuziphoxisa
ngoku ndiyanikezela
ndidikwe kuzlibazisa

intliziyo inehlwili, eli lelozixolisa
ngoku ndishiyiwe, kaloku nam ndazicothisa
ngoku ndivutha ngumsindo, ingathi bendiz’ntlontisa
kudala ndizama kodwa kunzima ukukholisa

[chorus] phungela

kudala ndik’lindile
kudala ndiklindile

ndidlala ngexesha lam
ndidlala ngexesha lam x2

[verse 3]

ndisoloko ndixina ingqondo ngenjongo zoklibala
kudala ndithetha nalamazwi ayek’ udala
ndiphela ndizisola kuba ndalala ndasala
ngalengoma ndiyazikhulula kwaye ndiphelisa ixhala

ngenxa yolinda wena, izinto ezininzi zind’phosile
ngobugwala bam, ndyazazi ndiztyhafisile
andikubeki tyala ndim lo ndizdanisile
bendicinga uyandithanda kucacile ndizqhathile

ngoku ndilahla ibhayi, lentliziyo mayixole
baninzi abakufunayo nam ndiqonde mandifole
kudala ndiwela kuwe kodwa awude undichole
ingaba uyandithanda, mandikhe ndikuhlole

andizophinda ndikuhluphe enkosi ngonyamezela
bendikufuna shushu, wena wasuka wand’pholela
bendiguliswa luthando ngoku indzondo ndiyaykhohlela
ngobugwala bam nam ndiyazazi ndazxolela

[chorus]

kudala ndik’lindile
kudala ndik’lindile

ndidlala ngexesha lam
ndidlala ngexesha lam

ndiyahamba mna
ndiyahamba mna ohhh oh hoe hoe hoe x2

كلمات أغنية عشوائية

اهم الاغاني لهذا الاسبوع

Loading...